








AMABALI AMAFUTSHANE

UTandie Klaasen yimvumi yejazz
eyaziwayo. Kodwa azikhange
zimhambele kakuhle zonke izinto
Abantu abaninzi bayakhumbula
ukuba uyimvumi eneziva ebusweni.
Kule nyanga sichaza indlela
azifumana ngayo ezo ziva nomzabalazo wakhe wokucula kwakhona Eli bali licatshulwe kwincwadi ethi Tandies Blues ebalisa ngobomi bakhe eshicilelwe
ngabakwaViva Books.

Incwadi ethi
Tandie's Blues



Umlilo!
EThokoza, uTandie wayenomhlobo ogama lingulrene Bowes owayehlala kufutshane nakowawo. Qho uTandie xa eye phesheya ulrene wayesala egcine uLorraine. UTandie uthi, U-lrene wayengumhlobo osenyongweni yaye ndimthanda.
U-lrene wayenesirhoxo. Wayesoloko ekhathaza uTandie ngokuba eze neemvumi eziphambili nabelungu esirhoxweni sakhe. UTandie
wayengathandi abantu basebenzise ukuduma kwakhe. Kodwa uTandie nolrene babevana gqitha. Ngomhla we-11 kuAgasti ka-1973, sekusele iinyanga ezimbini uTandie aye eJapan, ulrene wammema ukuba ayotya isidlo sangokuhlwa kwakhe ngobo busuku. UIrene wathi uza kupheka inyama eqhotsiweyo namadombolo. Wancamisa uTandie ebunzi waza wathi Siza kubonana ngorhatya! Emva koko wahamba ulrene.
Ngolo rhatya uTandie waya kwalrene onwabile. Lalikhangeleka liqaqambile ingomso lakhe yaye wayephilile. UTandie wayengazi ukuba ubomi bakhe busengozini. UTandie ulibalisa ibali enjenje:
Ndathi xa ndifika esangweni lakwaIrene, kwabe kume abafana ababini kulo. Ndandibazi abo bafana. KwakunguWillem noTheo. Babekhule phambi kwam ukusukela bengabantwana. Ndandibona ukuba uWilIem kukho into ayigushe ebhatyini yakhe. Ndandicinga ukuba kukho into ayibe kwalrene. Ngaphakathi endlwini kwakukha!iswa icwecwe lam elithi Love is Strange. Ngequbuliso ndeva ulrene esithi Heke! Ndikufumene namhlanje! Ndathi ndingekazi ukuba kuqhubeka ntoni, ndeva intloko







2 BONA XHOSA - December 1996
In ts h ay e lelo



OKUNGAPHAKATHI

Bhotani Bafundi,
Unyaka ka-1996 ubunzima kumntu wonke emfundweni. Oko bekusenziwa ziinguqu ezininzi nezinto ebezingaqondakaliyo kuyo. Kukho inkqubo entsha yezifundo ebekufuneka iqalise ukusetyenziswa kanti neetitshala ezininzi bezikhathazekile ngemisebenzi yazo.

Ngoku lixesha lokuphumla! Yiloo nto eyenze kule nyanga sagqiba ekubeni amabali esiwabhalayo ibe ngawokuzonwabisa kuphela Kukho ipuzzle onokuzenza kumakhasi okufunda ukubhala nokufunda neengxaki ekufuneka uyisombulule kumakhasi eBetter English Yaye uya kufunda into entsha ngokuzenza!

Sibulela ngokungazenzisiyo ngenkxaso yenu kunyaka ka-1 996. Nibe nekrismesi emnandi nonyaka omtsha oyokozela amathamsanqa!
Media-in-Education

Ukhuphiswano
Ithuba lokuzuza umabonakude
om nci nane
oyiblack and
white. Phendula
lo mbuzo ulula.

Ngubani iNkulumbuso yePhondo laseMntla-Koloni?

lmpendulo                         Igama                            


idilesi-                            


          Ubudala bakho-        lnombolo yomnxeba                    

Thumela 1e khuphoni incanyathiselwe
kwiposkhadi kule dilesi: Television Competition,
Look and Learn, FO. Box 35677, Northway,
4065.	Olu khuphiswano Iuvalwa ngomhla wama-
25 kuNovemba ka-1996. 
                                                                                                                KuTyhila Ufunde kule nyanga.

Amabali Amafutshane

Tandie's Blues
Ukufunda ukubhala nokufunda
 Ulonwabo lweKrisimesi
I
Imisebenzi
Ukulwa nokuphathwa kakubi kwabantu
Better English
Puzzle and Learn

Ukuhamba
Ukutyelela iindawo


Okuqhubekayo


lileta Zenu


Amanqaku emfundo akuTyhila Ufunde aveliswa yiMedia-inEducation neEnglish Literacy Project (ELP), neStreet Law Project. Amanqaku ahlelwa nguUna Seery. l-DTP nokuVeliswa kwayo kwenziwa nguSally Giles. Umfanekiso ongaphandle ufotwe nguSally Giles




















Abafundi Abatsha
AMABALI
AMAFUTSHANE


yam imanzi. Emva koko ndeva isandi esikhulu esithi Bhuum! sento eqhushumbela ebusweni bam. UWillem noTheo bandigalela ngepetroli baza balumeka ngematshisi, ndatsha!
Ndandingakholwa ukuba ndim lowo utshiswayo. Ndazama ukuwucima umlilo, inyama isiwa esandleni sasebusweni bam. Ndandikhala ndisithi, Thixo, ndiyatsha! Ndandisiva isandi somlilo otsha emzimbeni wam. Intloko yayinzima ngathi lilitye. Ndandingayikholelwa into endiyibonayo Wayekhona umntakwabo kaWillem Waphosa ibhatyi yakhe kum wanditsalela esitratweni. Ndabetheka ngentloko elityeni ndaza ndaziluma ulwimi ngamazinyo angaphambili. Omnye umntu wabaleka wayobiza umsakwethu, uTandeka, owayesekhaya noLorraine Bobabini beza bebaleka, wafika uLorraine wazama ukucima amalangatye omlilo ayenditshisa. Watsha ezandleni nasemilenzeni. Ndeva ukuba naye wafa isiqaqaqa.

UTandie wasiwa eNatalspruit Hospital, apho wafika wafakwa emanzini abandayo. Wonk umntu wayecaphuka kukutsha kwemvumi eyaziwa ngolo hlobo. Umongikazi wabopha amanxeba okutsha kaTandie, waza wanikwa igumbi lakhe yedwa wangadityaniswa nabanye abaguli UTandie uthi:
Ndabekwa kumgangatho wesihlanu kuba ndandinevumba elibi ngokungathi ndingumntu ofileyo. Ndandidla ngokulala ndizivale ngeminwe iimpumlo zam.

Ubuso bukaTandie, umqala nezandla zazibotshwe ngeebhandeji. Akukho mntu wayesazi ukuba uya kuba njani xa sepholile amanxeba okutsha. UTandie waxelela oogqirha ukuthi Ndiza kuzibulala xa ndingabuboni ubuso baml Kodwa babengenako ukususa iibhandeji.

Amanxeba kaThandi ayerhawuzela. Wayesiva ngathi kukho izinto ezihamba-hamba emzimbeni wakhe Ubuso bakhe bakuqine okwelitye ngaphantsi kwebhandeji. Wayengathi nokuba ufuna ukuphila na
okanye ufuna ukufa UTandie uthi: Zathi zakususwa iibhandeji, oogqirha banexhala. Bebengazi nokuba ndiza kuyamkela na indlela endibonakala ngayo. Babephethe isitofu xa kunokwenzeka ndingayamkeli into endiyiyo. Wathi umongikazi akususa ibhandeji laqina ivumba. Yathi yakususwa ibhandeji yawa inyama yam. Omnye ugqirha wayezibambe ngeenkophe iinyembezi. Ndathi ndakuzibona ndasibona isizathu sokulila kwakhe. lnyama yam yayijinga okwekhandlela elinyibilikileyo. lnyama yentamo yayitshe yaphela. Kukho isihlunu esinye esasibambe isilevu sam. Wawungabonakali umlomo, yayingumngxuma nje. Ngaba ndinokuphinda ndibone? Ndacinga ndathi Thixo, kubhetele undithathe ngoku!



Ukubuyela kwakhe kwimeko yesiqhelo
Phofu ke njengoko nani nisazi uTandie wakwazi ukucula kwakhona. Oko akuzange kube luIa. Kwaqala kwafuneka bakhiwe ngokutsha ubuso bakhe. Okwesibini kwafuneka abamangalele abantu abamtshisayo ukuze bavalelwe. Waza emva koko wafunda ukucula kwakhona.

Funda ngokuzabalaza kwakhe ukuba acule kwakhona! Odola incwadi ethi Tandies Blues kwaViva Books, P.O. Box 2851 0, Kensington, 21 01. Uya kukhuthazwa sisibindi anaso.

Imbali yakhe
UTandie waqala ukucula ngo-1 950 xa wayecula edanisa namaqela anjengeHarlem Swingsters neGay Gaities. Kodwa wayengaculi kweli kuphela. Wayephakathi kwabadlali beKing Kong eLondon, engumdlalo weqonga owaziwayo onomculo.

Kutshanje ukhe wacula neBayete kunye noAbigail Khubeka.














Abafundi Abatsha
UKUFUNDA UKUBHALA

NOKUFUNDA

Ulonwabo
Iwekrismesi!
Zigalelekile iiholide! lxesha lekrismesi
Iixesha lokuphumla uzonwabise
nabahlobo nosapho lwakho.
Sebenzisa eli xesha
ukuziqhelisa kwizinto ozifundileyo kulo nyanga njengokufunda, ukubhala nokubala. UTyhila Ufunde
ukubonisa indlela
eyonwabisayo yokuzenza ezi
zinto!

 I Krismesi lelona xesha limnandi enyakeni.
Abantu abaninzi basekhefini. Kukho
abahlobo abafuna ukubatyelela
namatheko abafuna ukuya kuwo. Phofu ke ikwalixesha lokucinga ngezinto oziphumezileyo enyakeni.

Ngaba ubufunda ukubhala
nokufunda? Ubuwafunda
amakhasi Abafundi Abatsha kuTyhila Ufunde. Ukuba ubuwafunda, ufanele ukuba uyakwazi ukufunda, ukubhala nokubala. Oko kuthetha ukuba unokwenza izinto ezinzima kweli xesha Ie Krismesi!


Iminqweno
emihle
Yothusa abahlobo
bakho

ngokubathumelela
amakhadi ubanqwenelele
iholide emnandi. Nanga
amanye amacebo:
		BONA X1-1OSA - December 1996 3

	AbakwaMonli Paper bavuyisana neBona ngempumelelo yeminyaka engama-40

	AbakwaMonli Paper bafuntflsa wonk timntu

4 BONA XHOSA - December 1996

	lnkampani ephambili kweli ektiveliseni amapbepba okushicilela, awoshishino nawekufundisa

		BONA XHOSA - December 1996 5

	AbakwaMondi Paper bavuyisana neBona xa igiba iminyaka engama-40 yaye isiyala isomelela

